Imigca Yendlela

Iintolo Zecala & Imigca Yendibaniselo Eyibhokisi

Iintolo Zecala Ezinyanzelekileyo

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela phambi kwesiphambuka.

Injongo: Ukubonisa ukuba ungaqhubeka kuphela kwicala eliboniswa lutolo kumzila wakho.

Okufuneka kwenziwe: Khetha umzila ochanekileyo ngexesha ukuze uhambe ngecala ofuna ukuya kulo.

• Qinisekisa ukuba enye itrafikhi iyazithobela iintolo zecala ezinyanzelekileyo kwimizila yayo.

• Jonga indawo yakho engabonakaliyo phambi kokujikela ekunene ubone ukuba imoto esemzileni ecaleni kwakho ekufuneka ijikele ekunene (ngenxa yotolo olunyanzelekileyo lokujikela ekunene kumzila wayo) ayiqhubeki ithe ngqo.

abafundi

Umgca Womzila Weebhasi

Apho lumiselwe khona: Kwicala lasekhohlo okanye lasekunene lendlela edolophini.

Injongo: Ukuchonga loo nxalenye yendlela egcinelwe iibhasi kuphela ngamaxesha aboniswe kuphawu.

Okufuneka kwenziwe: Ukuba awuqhubi ibhasi musa ukuqhuba kumzila oboniswe luphawu ngamaxesha akuphawu.

abafundi

Indibaniselo Eyibhokisi

Apho lumiselwe khona: Kwiziphambuka.

Injongo: Ukwalela abaqhubi ukuba beme kwindawo ephawuliweyo kuba oku kunokuthintela enye itrafikhi ekujikeni okanye ekuqhubekeni phambili.

Okufuneka kwenziwe: Musa ukuma kwibhokisi ephawuliweyo kwaye qinisekisa ukuba uya kukwazi ukuqhuba udlule kwisiphambuka phambi kokuba ungene kwisiphambuka.

abafundi